25. Wabakhululela ke owayethe ngenxa yesaqunge nokubulala waphoswa entolongweni, lowo babecela yena; wamnikela ekuthandeni kwabo uYesu.
26. Kuthe ke xa bamrholayo, babamba Simon uthile, waseKirene, obevela emaphandleni; bawubeka phezu kwakhe umnqamlezo, ukuba awuthwale emva koYesu.
27. Wayelandelwa ke yinkitha eninzi yabantu, neyabafazi ababemmbambazelela, bemlilela.
28. Wabaguqukela ke uYesu, wathi, Zintombi zaseYerusalem, musani ukundililela mna; kanye zilileleni nina, nabantwana benu;
29. ngokuba, yabonani, kuza imihla abaya kuthi ngayo, Banoyolo abaziindlolo, nezizalo ezingazalanga, namabele anganyisanga.
30. Oko baya kuqala bathi ezintabeni, Siweleni; nasezindulini, Sigubungeleni.
31. Ngokuba ukuba benza ezi zinto komanzi umthi, kuya kuba njani na kowomileyo?
32. Ke kaloku baberhola nabanye abangabámbi, bebabini, bengabenzi bobubi, beya kubulawa kunye naye.