Uluka 23:23-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

23. Bamxina ke bona ngezandi ezikhulu zamazwi, becela ukuba abethelelwe emnqamlezweni; aza ke eyisa amazwi abo, nawababingeleli abakhulu.

24. Usuke ke uPilato wagweba ngelithi, masenziwe isicelo sabo.

25. Wabakhululela ke owayethe ngenxa yesaqunge nokubulala waphoswa entolongweni, lowo babecela yena; wamnikela ekuthandeni kwabo uYesu.

26. Kuthe ke xa bamrholayo, babamba Simon uthile, waseKirene, obevela emaphandleni; bawubeka phezu kwakhe umnqamlezo, ukuba awuthwale emva koYesu.

27. Wayelandelwa ke yinkitha eninzi yabantu, neyabafazi ababemmbambazelela, bemlilela.

28. Wabaguqukela ke uYesu, wathi, Zintombi zaseYerusalem, musani ukundililela mna; kanye zilileleni nina, nabantwana benu;

Uluka 23