57. Wamkhanyela ke yena, esithi, Nkazanandini, andimazi.
58. Kwakuba mzuzwana, omnye wambona wathi, Nawe ungowabo. Wathi ke uPetros, Mntundini, andinguye.
59. Kwakuba kuhambe ilixa ngathi linye, omnye uqinisele wathi, Inyaniso, naló ubenaye; kuba ukwangowaseGalili.
60. Uthe ke uPetros, Mntundini, andiyazi into oyithethayo.Kuthe kwangoko, esathetha, yalila inkuku.