Uluka 22:51-61 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

51. Waphendula ke uYesu wathi, Yekani, kwanele. Wayichukumisa indlebe yakhe, wamphilisa.

52. Uthe ke uYesu kwabo babemfikele, ababingeleli abakhulu, nabaphathi betempile, namadoda amakhulu, Niphume ninamakrele neentonga na, nanga nize esihangeni?

53. Bendinani imihla ngemihla etempileni, anolula zandla ngakum; kambe eli lilixa lenu, negunya lobumnyama.

54. Bambambile ke, bamrhola, bamsa endlwini yombingeleli omkhulu; waye ke uPetros elandela ekude.

55. Ke kaloku, bakubon' ukuba babàse umlilo phakathi kwentendelezo, behleli phantsi ndawonye, uthe wahlala uPetros phakathi kwabo.

56. Ke umkhonzazana othile umbonile ehleli ebandezini, wamjonga wathi, Naló ube enaye.

57. Wamkhanyela ke yena, esithi, Nkazanandini, andimazi.

58. Kwakuba mzuzwana, omnye wambona wathi, Nawe ungowabo. Wathi ke uPetros, Mntundini, andinguye.

59. Kwakuba kuhambe ilixa ngathi linye, omnye uqinisele wathi, Inyaniso, naló ubenaye; kuba ukwangowaseGalili.

60. Uthe ke uPetros, Mntundini, andiyazi into oyithethayo.Kuthe kwangoko, esathetha, yalila inkuku.

61. Yajika iNkosi, yondela kuPetros. Walikhumbula ke uPetros ilizwi leNkosi, njengoko ibithe kuye, Ingekalili inkuku, uya kundikhanyela kathathu.

Uluka 22