Uluka 22:46-50 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

46. Wathi kubo, Yini na ukuba nilale? Vukani, nithandaze, ukuze ningangeni ekulingweni.

47. Ke kaloku, akubon' ukuba usathetha, kwathi gqi indimbane, waye nalowo kuthiwa nguYuda, omnye weshumi elinababini, ehamba phambi kwabo; wasondela kuYesu eza kumanga.

48. Uthe ke uYesu kuye, Yuda, umngcatsha uNyana woMntu ngokumanga na?

49. Ke kaloku abo babemphahlile, bakukubona okuza kuhla, bathi kuye, Nkosi, sixabele na ngekrele?

50. Omnye kubo abo wamxabela umkhonzi wombingeleli omkhulu, wamnqamla indlebe yokunene.

Uluka 22