4. Wemka, waya wathetha nababingeleli abakhulu nabaphathi betempile, ukuba angáthini na ukumnikela kubo.
5. Bavuya, banqophisana naye ukumnika imali, wabavumela,
6. wamana efuna ithuba elimlungeleyo lokumnikela kubo, kungekho siphendu.
7. Wafika ke umhla wezonka ezingenagwele, ekwakumele ukuthi ngawo kubingwe imvana yepasika.
8. Wesusa uPetros noYohane, wathi, Hambani niye kusilungisela ipasika, ukuze sidle.