Uluka 20:25-33 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

25. Uthe ke yena kuzo, Nikelani kaloku izinto zikaKesare kuKesare; nezinto zikaThixo kuThixo.

26. Zakhohlwa ukumbambisa ngamazwi phambi kwabantu, zamangaliswa yimpendulo yakhe, zathi cwaka.

27. Kwafika ke kuye abathile bakubaSadusi, bona abo bakuphikayo ukuba kukho uvuko;

28. bambuza, besithi, Mfundisi, uMoses wasibhalela wathi, Ukuba ozalana nothile uthe wafa enomfazi, wafa ke lowo engenabantwana, maze ozalana naye amzeke umfazi lowo, amvelisele imbewu ozalana naye.

29. Ke bekukho abantu abasixhenxe bezalana; waza owokuqala wazeka umfazi, wafa engenabantwana.

30. Nowesibini wamzeka umfazi lowo, wafa naye engenabantwana.

31. Nowesithathu wamzeka; benjenjalo ke bosixhenxe, bafa bengashiyanga bantwana.

32. Emveni ke kwabo bonke, wafa naye umfazi lowo.

33. Eluvukweni ngoko, ungumfazi wawuphi na kubo? Kuba bosixhenxe bebenaye engumfazi.

Uluka 20