Uluka 20:23-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

23. Ebuqondile kakuhle ubuqhetseba bazo, wathi kuzo, Nindilingelani na?

24. Ndiboniseni idenariyo.* Inomfanekiso nombhalo kabani na? Ziphendule ke zathi, KaKesare.

25. Uthe ke yena kuzo, Nikelani kaloku izinto zikaKesare kuKesare; nezinto zikaThixo kuThixo.

26. Zakhohlwa ukumbambisa ngamazwi phambi kwabantu, zamangaliswa yimpendulo yakhe, zathi cwaka.

27. Kwafika ke kuye abathile bakubaSadusi, bona abo bakuphikayo ukuba kukho uvuko;

28. bambuza, besithi, Mfundisi, uMoses wasibhalela wathi, Ukuba ozalana nothile uthe wafa enomfazi, wafa ke lowo engenabantwana, maze ozalana naye amzeke umfazi lowo, amvelisele imbewu ozalana naye.

29. Ke bekukho abantu abasixhenxe bezalana; waza owokuqala wazeka umfazi, wafa engenabantwana.

30. Nowesibini wamzeka umfazi lowo, wafa naye engenabantwana.

Uluka 20