18. Bonke abathe bawa phezu kweli litye, botyumka; ke bona elithe labawela, lobabetha bathi saa.
19. Baza ababingeleli abakhulu nababhali bafuna ukumsa izandla ngelo lixa; boyika abantu, kuba babesazi ukuba uwuthethe esingisele kubo lo mzekeliso.
20. Bamlalela, bathuma iintlola ezizenza amalungisa, ukuba zimbambise ngokuthetha, ukuze bamnikele elulawulweni nasegunyeni lerhuluneli.
21. Zambuza ke zisithi, Mfundisi, siyazi ukuba uthetha ufundise ngobulungisa, ungakhethi buso bamntu; usuka ufundise indlela kaThixo ngenene.
22. Kuvumelekile na ukuba simnike irhafu uKesare,* akuvumelekile, sini na?