Uluka 17:14-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Ewabonile ke, wathi kuwo, Hambani niye kuzibonakalalisa kubabingeleli.Kwathi ekuyeni kwawo, ahlanjululwa.

15. Ithe ke enye kuwo apho, yakubona ukuba iphilisiwe, yabuya imzukisa uThixo ngezwi elikhulu.

16. Yawa ngobuso ezinyaweni zakhe, ibulela kuye; yaye yona ingumSamariya.

17. Waphendula ke uYesu wathi, Babengahlanjululwanga belishumi na? Baphi na ke abasithoba?

Uluka 17