67. UZekariya uyise wazala nguMoya oyiNgcwele, waprofeta esithi:
68. Mayibongwe iNkosi, uThixo kaSirayeli,Ngokuba ibavelele yabakhulula ngentlawulelo abantu bayo.
69. Yasiphakamisela uphondo losindisoEndlwini kaDavide, umkhonzi wayo,
70. Njengoko yathethayo ngomlomo wabangcwele, ababengabaprofeti bayo kwasephakadeni;
71. Usindiso lokusisindisa ezintshabeni zethu, nasesandleni sabo bonke abo basithiyayo;
72. Ukubenzela inceba oobawo bethu,Nokukhumbula umnqophiso wayo ongcwele,