Uluka 1:55-58 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

55. Njengoko wathethayo koobawo bethu,KuAbraham nakwimbewu yakhe ngonaphakade.

56. Wahlala ke uMariya naye iinyanga ngathi zaba ntathu, waza wabuyela ekhaya.

57. Ke kaloku, ixesha likaElizabhete lazaliseka lokuba azale; wazala unyana.

58. Beva abamelwane nemizalwane yakhe, ukuba iNkosi iyenze nkulu inceba yayo kuye, baye ke bevuyisana naye.

Uluka 1