Uluka 1:50-57 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

50. Yaye inceba yakhe ikwizizukulwana ngezizukulwanaKwabo bamoyikayo.

51. Wenzé amandla ngengalo yakhe,Wabachithachitha abanekratshi ekucingeni kweentliziyo zabo.

52. Wabawisa abanamandla ezitroneni zabo,Wabaphakamisa abathobekileyo.

53. Wahluthisa abalambileyo ngezinto ezilungileyo;Wabandulula abazizityebi belambatha.

54. Wasiza uSirayeli, umkhonzi wakhe,Ngokukhumbula inceba yakhe;

55. Njengoko wathethayo koobawo bethu,KuAbraham nakwimbewu yakhe ngonaphakade.

56. Wahlala ke uMariya naye iinyanga ngathi zaba ntathu, waza wabuyela ekhaya.

57. Ke kaloku, ixesha likaElizabhete lazaliseka lokuba azale; wazala unyana.

Uluka 1