Uluka 1:11-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Kwabonakala ke kuye isithunywa seNkosi, simi ngasekunene kwesibingelelo sesiqhumiso.

12. Wakhathazeka uZekariya, akusibona, wangenelwa kukoyika.

13. Sathi ke isithunywa eso kuye, Musa ukoyika, Zekariya, ngokokuba isikhungo sakho siviwe; wóthi ke umfazi wakho uElizabhete akuzalele unyana, umthiye igama elinguYohane.

Uluka 1