Uisaya 9:1-2 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ngokuba akuyi kuhlala kuthe ncithi kwelinengcutheko. Ngexesha lokuqala walicukuceza ilizwe lakwaZebhulon nelizwe lakwaNafetali; ngelakamva uya kuyizukisa indlela yaselwandle, phesheya kweYordan, ummandla weentlanga.*

2. Abantu abo bàhamba emnyameni baboné ukukhanya okukhulu; abemi basezweni lethunzi lokufa, ukukhanya kubengezéle phezu kwabo.

Uisaya 9