Uisaya 7:22-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

22. kuthi ngokwehlisa kwazo kakhulu adle amasi; ngokuba baya kudla amasi nobusi bonke abo baseleyo phakathi kwelizwe.

23. Kothi ngaloo mini zonke iindawo ezazinewaka lemidiliya elimelwe liwaka leesilivere, zibe zezobobo namakhakakhaka.

24. Kuya kuyiwa khona neentolo nezaphetha; ngokuba lonke ilizwe liya kuba lubobo namakhakakhaka.

25. Zonke iintaba ebezigatywa ngamagaba, akuyi kuya kuzo, ngokoyika ubobo namakhakakhaka; loba lelokugxothela iinkomo, nokunyashwa ziigusha.

Uisaya 7