Uisaya 7:10-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Waqokela uYehova, wathetha kuAhazi, esithi,

11. Zicelele umqondiso kuYehova uThixo wakho; cela ubhekise enzulwini kwelabafileyo, mhlawumbi ubhekise enyangweni phezulu.

12. Wathi uAhazi, Andiyi kucela, andiyi kumlinga uYehova.

13. Wathi yena, Khanive, ndlu kaDavide; kuyinto encinane na kuni ukudinisa abantu, ukuda oku nidinise noThixo wam?

14. Ngako oko iya kuninika umqondiso ngokwayo iNkosi: uyabona, intombi le iya kumitha, izale unyana, imthiye igama elinguImanuweli.*

15. Uya kudla amasi nobusi, ade akwazi ukulahla okubi, anyule okulungileyo.

Uisaya 7