5. Ùmkhawulele onemihlali, enze ubulungisa, ekukukhumbuleni kwabo ezindleleni zakho. Yabona, wena ubunoburhalarhume, masibe ke singaboni; kudala sikwezo zinto; sosindiswa na ke?
6. Ke sisuke saba njengoyinqambi sonke siphela, yanjengengubo enomzí yonke imisebenzi yethu yobulungisa; sabuna njengamagqabi sonke siphela, ubugwenxa bethu basithabatha njengomoya.
7. Akwabakho ulinqulayo igama lakho, uzixhoxhayo ukuba abambelele kuwe; ngokuba ubusithelisile ubuso bakho kuthi, wasinyibilikisa ngobugwenxa bethu.
8. Kaloku ke, Yehova, unguBawo; siludongwe; unguMbumbi wethu; sìsisenzo sesandla sakho, sonke siphela.
9. Musa ukuba noburhalarhume, Yehova, kuphele; ungabukhumbuli ubugwenxa ngonaphakade. Yabona, khawusibheke; singabantu bakho sonke siphela.
10. Imizi yobungcwele bakho iyintlango, iZiyon iyintlango, iYerusalem ilinxuwa.