Uisaya 60:7-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Yonke imihlambi yakwaKedare ibuthelana kuwe, iinkunzi zeegusha zakwaNebhayoti ziyakulungiselela; zinyuka ngokulikholo kum esibingelelweni sam, ndihombise indlu yokuhomba kwam.

8. Ngoobani na abaya, beza bebaleka njengelifu, njengamavukuthu esiza emakrobeni awo?

9. Okwenene zithembele kum iziqithi, ziinqanawa zaseTarshishe phambili; zizisa oonyana bakho bevela kude, benesilivere yabo negolide yabo, kwigama likaYehova uThixo wakho, koyiNgcwele kaSirayeli, ngokokuba ekuhombisile.

10. Oonyana bolunye uhlanga baya kuzakha iindonga zakho, ookumkani babo bakulungiselele; kuba ndikubethe ndinoburhalarhume, kodwa ndaba nemfesane kuwe ndinetarhu;

11. ohlala evuliwe amasango akho imini nobusuku; akayi kuvalwa, ukuze bungeniswe kuwe ubutyebi beentlanga, nookumkani bazo beqhutywa.

12. Kuba uhlanga nobukumkani obungayi kukukhonza buya kutshabalala, ezo ntlanga ziphanze ziphanzile.

13. Ubuqaqawuli beLebhanon buya kuza kuwe, umsipres* nompleyini* nomgalagala ndawonye, ukuze ihombe indawo yengcwele yam, ndiyizukise indawo yeenyawo zam.

Uisaya 60