Uisaya 6:11-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Ndathi, Kube mzuzu ungakanani na, Nkosi? Yathi, Kude kuye kuchithwa imizi, ingabi nabemi, nezindlu zingabi namntu, utshabalale umhlaba kube senkangala;

12. uYehova amse kude umntu, abe maninzi amanxuwa phakathi kwelizwe.

13. Kuya kuthi, ukuba kusekho isahlulo seshumi khona, sibuye naso sibe yinto yokutshayelwa; njengomterebhinti* nanjengomoki,* othi ekuwisweni kwawo kushiyeke isiphunzi; yimbewu engcwele ke isiphunzi eso.

Uisaya 6