Uisaya 50:1-3 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Utsho uYehova ukuthi, Iphi na incwadi yokwaliwa kukanyoko, endamgxotha ngayo? Khona kwabandibolekáyo, uphi na lowo ndathengisa ngani kuye? Yabonani, kwathengiswa ngani ngenxa yobugwenxa benu; wagxothwa unyoko ngenxa yezikreqo zenu.

2. Yini na ukuba ndifike, kungekho mntu? ndibize, kungabikho usabelayo? Sifutshane kakhulu na isandla sam ukuba singakhululi? Akakho na kum amandla okuhlangula? Yabonani, ngokukhalima kwam ndomisa ulwandle, imilambo ndiyenze intlango; ziyabola iintlanzi zayo, ngokuba kungekho manzi, ziyafa kukunxanwa;

3. ndàmbesa izulu ngezimnyama zokuzila, ndenze ezirhwexayo zibe sisigubungelo salo.

Uisaya 50