4. Kube kusekho ntoni na eyenziwayo esidiliyeni sam, endingayenzanga ke kuso? Kube kusekho ntoni na eyenziwayo esidiliyeni sam, endingayenzanga ke kuso? Kube kungani na ukuba ndikulinde ukuba sivelise iidiliya ezizizo, sisuke sivelise ezingezizo?
5. Kaloku ke makhe ndinazise into endiya kusenza yona isidiliya sam. Ndiza kususa uthango lwaso, sibe lidlelo; ndiya kuluchitha udonga lwaso, sibe yingqushu; ndisijece kuphele.
6. Asiyi kuthenwa, asiyi kuhlakulwa; siya kumila ubobo namakhakakhaka; ndiwawisele umthetho amafu, ukuba angani mvula phezu kwaso.
7. Kuba isidiliya sikaYehova wemikhosi yindlu kaSirayeli; namadoda akwaYuda sisityalo sokumyolisa. Walinda ukuba kubekho okusesikweni, nanku ikukudywida; walinda ukuba kubekho ubulungisa, nanko ikukukhalisa.
8. Yeha, abahlomela indlu kwindlu, abasondeza intsimi kwintsimi, kude kungabikho ndawo, nihlale nedwa phakathi kwelizwe!
9. Ezindlebeni zam uthi uYehova wemikhosi, Inyaniso, izindlu ezininzi ziya kuba ngamanxuwa, ezinkulu, ezintle zingabi namhlĂ li.
10. Kuba ishumi leendima zesidiliya liya kwenza ibhate* ibe nye, nehomere* yembewu yenze iefa* yodwa.
11. Yeha, abavuka kusasa, besukela isiselo esinxilisayo; balibale kude kube lungcwalazi, ide ibatshise iwayini!
12. Ibe luhadi nomrhubhe, ingqongqo nogwali, newayini, emgidini wabo; ke wona umsebenzi kaYehova abawubeki, nezenzo zezandla zakhe abaziboni.
13. Ngako oko abantu bam bayafuduswa bengazi, nabazukileyo kubo baba ngabafo bendlala, ingxokolo yabo itshiswa linxano.