Uisaya 5:25-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

25. Ngenxa yoko uyavutha umsindo kaYehova kubantu bakhe; úsolule phezu kwabo isandla sakhe, uyababetha; zagungqa iintaba, izidumbu zabo zanjengenkunkuma phakathi kwezitrato. Kuko konke oko, àwubuyi umsindo wakhe, isandla sakhe sísolukile.

26. Úzinyusela ibhanile* iintlanga zakude, azenzele ikhwelo eziphelweni zehlabathi; nanzo zisiza zikhawuleza ngamendu.

27. Akukho utyhafileyo, akukho ukhubekayo kuzo; azozeli, azilali, umbhinqo wamanqe azo awuthukululeki, umtya weembadada zazo awuqhawuki.

28. Iintolo zazo zitsolile, nezaphetha zazo zonke zityediwe; amanqina amahashe azo kuthiwa anjengeqhwitha, neevili zazo zinjengesaqhwithi. Ukubharhula kwazo kunjengengonyamakazi;

29. zibharhula njengeengonyama ezintsha, zigqume, ziyibambe inyamakazi, zimke nayo, kungabikho uhlangulayo.

30. Zogquma phezu kwabo ngaloo mini, ngathi kukugquma kolwandle; babheke emhlabeni, nanko kumnyama yimbandezelo, nokukhanya kumnyama emafini phezu kwabo.

Uisaya 5