Uisaya 49:25-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

25. Inene, utsho uYehova ukuthi, Nabathinjwe ligorha baya kuthatyathwa, namaxhoba omngcangcazelisi aya kusinda; ke obambana nawe, mna ndiya kubambana naye, ndibasindise mna oonyana bakho.

26. Abakuxinzelela phantsi ndobadlisa eyabo inyama, banxiliswe lelabo igazi ngathi kungewayini entsha; yázi inyama yonke, ukuba mna, Yehova, ndinguMsindisi wakho, ukuba uMkhululi wakho ngOnamandla kaYakobi.

Uisaya 49