Uisaya 45:22-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

22. Bhekani kum, nisindiswe, nonke ziphelo zehlabathi; ngokuba ndinguThixo, akukho wumbi.

23. Ndizifungile, ilizwi liphume emlonyeni ngobulungisa, aliyi kuguqulwa; lithe, Aya kuguqa kum onke amadolo, zifunge mna zonke iilwimi;

24. kuthiwe ngokubhekisele kum, KuYehova yedwa bubulungisa namandla, kuyiwa kuye; baya kudana bonke abavutha ngomsindo ngaye.

25. NgoYehova iya kugwetyelwa iqhayise yonke imbewu kaSirayeli.

Uisaya 45