Uisaya 45:20-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

20. Buthani nize, sondelani kunye, nina basindileyo basezintlangeni: àbanakwazi ábathwali bomthi womfanekiso wabo oqinqiweyo, ábathándazi bothixo ongásindisiyo.

21. Xelani, nifikise; ewe, mabacebisane kunye, ukuthi, Ngubani na owavisa oko kwabamandulo, owakuxelayo kwanini? Asindim na Yehova, ekungekho Thixo wumbi ingendim? UThixo onobulungisa, osindisayo, akakho ingendim.

22. Bhekani kum, nisindiswe, nonke ziphelo zehlabathi; ngokuba ndinguThixo, akukho wumbi.

23. Ndizifungile, ilizwi liphume emlonyeni ngobulungisa, aliyi kuguqulwa; lithe, Aya kuguqa kum onke amadolo, zifunge mna zonke iilwimi;

Uisaya 45