4. Wathi ke, Abone ntoni na endlwini yakho? Wathi uHezekiya, Abone into yonke esendlwini yam; akubangakho nto ndingababonisanga yona ebuncwaneni bam.
5. Wathi uIsaya kuHezekiya, Live ke ilizwi likaYehova wemikhosi.
6. Uyabona, kuza imihla, eya kuthi yonke into esendlwini yakho, nento abayiqwebáyo ooyihlo, kwada kwayile mini, ithwalelwe eBhabheli, kungasali nto; utsho uYehova.