Uisaya 28:17-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Isiko ndolenza intambo yokulinganisa, ubulungisa ndibenze ilothe yokulungelelanisa; isichotho siya kumka nalo ihlathi lamanga, amanzi ayikhukulise indawo yokusithela.

18. Kuya kucinywa ukunqophisana kwenu nokufa, kungemi ukuvumelana kwenu nelabafileyo; isibetho esingumkhukula, xa singenelayo, sonenza nibe yinto egqushiweyo.

19. Oku kungenela singenelayo, síya kunisusa; ngokuba imisó ngemisó siya kuningenela, imini nobusuku; kuthi ukuqonda udaba kube kukuhlasimla kodwa.

20. Inene, umandlalo mfutshane, akukho kunaba; nesigubungelo sincinane, ukuba azisongele kuso.

21. Ngokuba úya kusuk' eme uYehova, njengasentabeni yePeratsim; uya kuguguma, njengasentilini yeGibheyon; ukuba enze isenzo sakhe, isenzo sakhe esisodwa, ukuba asebenze umsebenzi wakhe, umsebenzi wakhe ongaqhelekileyo.

22. Kaloku ke musani ukugxeka, hleze kuqiniselwe ukubotshelelwa kwenu; ngokokuba isiphelo esiya kulifikela ilizwe lonke sisesimisiweyo ke sagqitywa; ndisivile eNkosini, uYehova wemikhosi.

23. Libekeleni indlebe nilive ilizwi lam; yibazeleni indlebe niyive intetho yam.

Uisaya 28