Uisaya 22:7-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Zathi ke iintili zakho ezintle zazala ziinqwelo zokulwa, bathi abamahashe bamisa bemisile esangweni.

8. Wasibhenqa isigqubuthelo sakwaYuda; waza wena ngaloo mini wabheka esikrweqeni sendlu yehlathi.

9. Nazibona iintanda zomzi kaDavide ukuba ninzi, nahlanganisa amanzi echibi lasezantsi;

10. izindlu zaseYerusalem nazibala; nazidiliza izindlu, ukuze ninqabise udonga.

11. Nenza isigingqi samanzi echibi elidala phakathi kweendonga zombini, ànakhangela kumenzi wale nto, anambeka owayibumbayo kwakudala.

12. INkosi, uYehova wemikhosi, ngaloo mini yabizela ekulileni, nasekumbambazeleni, nasekuchebeni intloko, nasekubhinqeni iingubo ezirhwexayo;

13. kanti kusuke kwaba yimihlali nemivuyo, kusoselwa iinkomo, kuxhelwa iigusha, kudliwa inyama, kuselwa iwayini; kudliwa, kuselwa, kuba kusithiwa, Ngomso soba sesifile.

Uisaya 22