Uisaya 16:12-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Kuya kuthi, xa athe wabonakala, xa athe wazidinisa uMowabhi esigángeni, wangena engcweleni yakhe ukuba athandaze, asuke angabi nakuthini.

13. Lilo elo ilizwi, awalithethayo uYehova ngoMowabhi kwanini.

14. Kaloku ke uYehova uthetha esithi, Ngeminyaka emithathu, njengeminyaka yomqeshwa, buya kucukucezwa ubuqaqawuli bukaMowabhi, naloo ngxokolo yonke eninzi, amasalela abe mancinane, abe mbalwa, angabi makhulu.

Uisaya 16