6. Ndiya kumthumela kuhlanga oluyintshembenxa, ndimwisele umthetho ngabantu bokuphuphuma komsindo wam, ukuba athimbe amaxhoba, aphange okuphangiweyo, abenze into yokunyathelwa njengodaka lwezitrato.
7. Ke yena akabi kunjalo; intliziyo yakhe ayiyicingi loo nto; ngokuba okusentliziyweni yakhe kukutshabalalisa nokunqumla iintlanga ezingembalwa.
8. Kuba Ășthi, Abathetheli bam asingookumkani bonke na? IKaleno ayinjengeKarkemishe na,
9. iHamati ayinjengeArpadi na, owakwaSamari awunjengeDamasko na?
10. Njengokuba isandla sam sazifumanayo izikumkani zezithixo ezingenĂ; ukanti imifanekiso yazo eqingqiweyo ingaphezulu kweyaseYerusalem neyakwaSamari: