Uisaya 1:11-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Yeyani na kum le mibingelelo yenu mininzi kangaka? utsho uYehova. Ndidikiwe ngamadini anyukayo eenkunzi zeegusha, namanqatha amathole atyetyisiweyo; negazi leenkunzi ezintsha, neleemvana, neleebhokhwe, andilinanzile.

12. Xa niza kubonakala ebusweni bam, ngubani na okufunileyo oko esandleni senu, ukugqusha iintendelezo zam?

13. Nize ningĂ phindi nizise mnikelo wakudla ukhohlakeleyo; isiqhumiso silisikizi kum; ukuthwasa kwenyanga, nesabatha, nokumema intlanganiso, ubutshinga kunye nengqungquthela, andinakubuthwala.

14. Ukuthwasa kweenyanga zenu, namaxesha enu amisiweyo, umphefumlo wam uwathiyile; asuka aba bubunzima kum; ndidiniwe kukuwathwala.

15. Ekoluleni kwenu izandla zenu, ndiya kuwafihla amehlo am kuni; nokuba nandise ukuthandaza, andiyi kuva; izandla zenu zizele ngamagazi.

16. Zihlambeni, ziqaqambiseni; susani ububi beentlondi zenu phambi kwamehlo am; yekani ukwenza ububi;

17. fundani ukwenza okulungileyo; khathalelani ukugweba; lulekani isibhovubhovu; gwebani ityala lenkedama; lithetheni ityala lomhlolokazi.

18. Khanize sibonisane, utsho uYehova; nokuba izono zenu zide zavela zanjengengubo ebomvu, zoba mhlophe njengekhephu; nokuba zide zayingqombela njengebala elibomvu, zovela zinjengoboya begusha.

Uisaya 1