Uhoseya 4:11-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Uhenyuzo, newayini, newayini entsha, ziwexula intliziyo.

12. Abantu bam babùzisa kumthi wabo; nentonga yabo iyabaxelela; ngokuba umoya wobuhenyu ubalahlekisile; bahenyuzé bemka phantsi koThixo wabo.

13. Babingelela ezincotsheni zeentaba, baqhumisele ezindulini phantsi kwemioki* nemipopulari* nemiterebhinti,* kuba ulungile umthunzi wayo; ngenxa yoko ziyahenyuza iintombi zenu, bayakrexeza oomolokazana benu.

14. Andiyi kuzivelela iintombi zenu, ngokokuba zihenyuza; noomolokazana benu, ngokokuba bekrexeza. Ngokuba nina ngokwenu nithi gu bucala namahenyukazi nibingelela namang'awukazi; ngoko ke abantu abangaqondiyo baya kukhahleleka phantsi.

15. Ukuba ùyahenyuza, Sirayeli, makangazeki ityala uYuda; musani ukuya eGiligali, ningenyuki niye eBhetaven, ningafungi nithi, Ehleli nje uYehova.

16. Kuba uSirayeli uyinjubaqa, njengethokazi eliyinjubaqa; ngoku uYehova uya kubalusela emphangaleleni, njengamatakane.

17. UEfrayim ubophene nezithixo; myekeni.

18. Igabadelè imithayi yabo; bahenyuza behenyuzile; ziluthandé nzulu ucukucezo iingweletshetshe zabo.

19. Umoya umbambile ngamaphiko awo; baya kudana yimibingelelo yabo.

Uhoseya 4