7. Úya kuwa obuleweyo esazulwini senu; nazi ukuba ndinguYehova.
8. Ndiya kushiya amasalela, ngokuthi kubekho kuni abasindileyo ekreleni phakathi kweentlanga, ekuchithwachithweni kwenu emazweni.
9. Abasindileyo benu baya kundikhumbula phakathi kweentlanga abathinjelwe kuzo, xa ndithe ndayaphula intliziyo yabo ehenyuzayo, eyemkayo kum, namehlo abo abehenyuza ngokulandela izigodo zabo; bakruqùke bububi ababenzileyo ngokusingisele emasikizini abo onke.
10. Baya kwazi ukuba ndinguYehova; andifumane ndathetha ndathi, Ndiya kubenza obu bubi kubo.
11. Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Betha esandleni sakho, ungqishe ngonyawo lwakho, uthi, Yeha! ngenxa yawo onke amasikizi amabi endlu kaSirayeli; kuba baya kuwa likrele, nayindlala, nayindyikitya yokufa.