Uhezekile 6:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

2. Nyana womntu, bhekisa ubuso bakho ezintabeni zakwaSirayeli, uprofetele kuzo, uthi,

3. Yivani, nina zintaba zakwaSirayeli, ilizwi leNkosi uYehova. Itsho iNkosi uYehova kwiintaba nakwiinduli, kwizihlambo nakwimifula, ukuthi, Yabonani, ndinizisela ikrele, ndizidìlize izigánga zenu.

4. Ziya kuba ngamanxuwa izibingelelo zenu, zaphulwe izithixo zenu zelanga; ndibakhahlele ababuleweyo benu phambi kwezigogo zenu.

5. Ndozibeka izidumbu zoonyana bakaSirayeli phambi kwezigodo zabo, ndiwachithachithe amathambo enu ngeenxa zonke ezibingelelweni zenu.

6. Imizi yoba ngamanxuwa ezindaweni zonke zokuhlala kwenu, zichithakale izigánga; ukuze zichithakale zibe ngamanxuwa izibingelelo zenu, zaphulwe ziphele izigodo zenu, zigawulwe izithixo zenu zelanga, icinywe imisebenzi yenu.

7. Úya kuwa obuleweyo esazulwini senu; nazi ukuba ndinguYehova.

8. Ndiya kushiya amasalela, ngokuthi kubekho kuni abasindileyo ekreleni phakathi kweentlanga, ekuchithwachithweni kwenu emazweni.

Uhezekile 6