Uhezekile 5:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Wena ke, nyana womntu, thabatha ikrele elibukhali, libe sisitshetshe sokuguya, ulihambise entlokweni yakho nasesilevini sakho, uthabathe isikali* sokulinganisela, uzahlule iinwele.

2. Esinye isahlulo sesithathu uze usitshise ngomlilo esazulwini somzi, zakuzaliseka iintsuku zongqingo; uthabathe nesinye isahlulo sesithathu, uxabele ngekrele ngeenxa zonke kuso; nesinye isahlulo sesithathu usichithachithe emoyeni, ndirhole ikrele emva kwazo.

3. Uze uthabathe kuzo zibe mbalwa, uzibophe esondweni lengubo yakho;

4. ubuye uthabathe kuzo, uziphose emlilweni, uzitshise ngomlilo. Khona apho kuya kuphuma umlilo, uye kuyo yonke indlu kaSirayeli.

5. Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Le Yerusalem ndiyimise esazulwini seentlanga, amazwe angeenxa zonke kuyo.

6. Ke iwaphikisile ngokungendawo amasiko am ngaphezu kweentlanga, nemimiselo yam ngaphezu kwamazwe angeenxa zonke kuyo; ngokuba bawacekisile amasiko am, àbahamba ngemimiselo yam.

Uhezekile 5