Uhezekile 48:19-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

19. Abasebenzi abo ke bomzi bowalima, bengabasezizweni zonke zakwaSirayeli.

20. Umrhumo wonke woba ngamashumi amabini anamahlanu amawaka ubude, ube ngamashumi amabini anamahlanu amawaka ububanzi; isahlulo sesiné somrhumo ongcwele nòsirhumela ukuba sibe sesomzi lowo.

21. Indawo eseleyo yoba yeyesikhulu, ngapha nangapha komrhumo ongcwele, nakwinzuzo yomzi; ngaphambi kwamawaka angamashumi amabini anamahlanu omrhumo, ide iye emdeni wasempumalanga, nangasentshonalanga phambi kwamawaka angamashumi amabini anamahlanu, ngasemdeni wentshonalanga, inxulumene nezinye izahlulo, yoba yeyesikhulu; umrhumo ongcwele nengcwele yayo indlu yoba sesazulwini sayo.

22. Kuthabathela ke enzuzweni yabaLevi, kuthabathela enzuzweni yomzi, esazulwini senzuzo yesikhulu, phakathi komda kaYuda nomda kaBhenjamin, koba kokwesikhulu.

23. Eziseleyo ke izizwe: kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga: uBhenjamin woba necandelo elinye.

24. Ngasemdeni ke kaBhenjamin, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga: uSimon, libe linye.

25. Ngasemdeni ke kaSimon, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga: uIsakare, libe linye.

26. Ngasemdeni ke kaIsakare, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga: uZebhulon, libe linye.

27. Ngasemdeni ke kaZebhulon, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga: uGadi, libe linye.

Uhezekile 48