Uhezekile 47:9-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Kuye kuthi ke, yonke imiphefumlo ephilileyo, enyakazelayo ezindaweni zonke othe wafika kuzo umlambokazi lowo, iphile; zibe zininzi kunene iintlanzi; ngokuba efikile khona la manzi, ophiliswa lawa; iphile yonke into ofike kuyo umlambo lowo.

10. Kothi ke kumè ababambisi beentlanzi phezu kwawo, bathabathele e-En-gedi, bade baye e-En-heglayim, indawo yokwaneka iminatha; ziya kuba ngokohlobo lwazo iintlanzi zabo, njengeentlanzi zolwandle olukhulu, ukuba zìninzi kunene.

11. Ke imigxobhozo yalo, namadike alo, akayi kuphila; aya kunikelwa ekubeni mtyuba.

12. Kophuma phezu komlambo, phezu kodini lwawo, ngapha nangapha, imithi yonke edliwayo. Amagqabi ayo akayi kubuna, zingapheli iziqhamo zayo; iya kuvuthwa iziqhamo ezitsha ngeenyanga zonke; ngokuba amanzi awo wona aphuma engcweleni. Iziqhamo zayo ziya kuba zezokudliwa, namagqabi ayo abe ngawokuphilisa.

Uhezekile 47