22. Kothi ke nilabe ngamaqashiso, libe lilifa kuni, nakubasemzini, abaphambukela kuni, abazele oonyana phakathi kwenu. Kuni boba njengabazalelwe kuloo ndawo abaphakathi koonyana bakaSirayeli; bolamkela ngamaqashiso ilifa phakathi kwezizwe zakwaSirayeli kunye nani.
23. Kuya kuthi, esizweni aphambukele kuso owasemzini, nimnike ilifa lakhe apho; itsho iNkosi uYehova.