4. Idini elinyukayo, esosondeza lona isikhulu kuYehova ngomhla wesabatha, loba ziimvana ezintandathu ezigqibeleleyo, nenkunzi yegusha egqibeleleyo.
5. Nomnikelo wokudla woba yiefa* enkunzini leyo yegusha; ezimvaneni ezo umnikelo wokudla ube ngumnikelo wesandla saso, ihin* yeoli kuyo iefa.
6. Ngosuku lokuthwasa kwenyanga, liya kuba yinkunzi entsha egqibeleleyo, ithole lenkomo, neemvana ezintandathu, nenkunzi yegusha, zigqibelele zonke.
7. Solungiselela umnikelo wokudla, iefa kuyo inkunzi entsha yenkomo, ne-efa kuyo inkunzi yegusha, kuzo iimvana ibe yinto esinokufikelela kuyo isandla saso, ibe yihin yeoli kuyo iefa.
8. Ekuzeni kwesikhulu, songena ngendlela yasevarandeni yesango, siphume kwangendlela yayo.
9. Ekuzeni ke kwabantu belizwe eli phambi koYehova ngamaxesha amisiweyo, ongené ngendlela yesango langasentla, esiza kunqula, wophuma ngendlela yesango langasezantsi; ongené ngendlela yesango langasezantsi, wophuma ngendlela yesango langasentla; akayi kubuya ngendlela yesango angene ngalo; bothi gca ukuphuma.
10. Isikhulu songena siphakathi kwabo ekungeneni kwabo; bathi ekuphumeni kwabo, siphume kunye nabo.
11. Umnikelo wokudla ngemithendeleko nangamaxesha amisiweyo woba yiefa kuyo inkunzi entsha yenkomo, ne-efa kuyo inkunzi yegusha, uthi ezimvaneni uligane nesandla saso, ibe yihin yeoli kuyo iefa.