1. Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Isango lentendelezo ephakathi, elikhangele empumalanga, lohlala livaliwe ngeentsuku ezintandathu zokusebenza; ngomhla wesabatha livulwe, ngomhla wokuthwasa kwenyanga livulwe.
2. Sóngena isikhulu ngendlela yasevarandeni* yesango, sivela ngaphandle, sime emigubasini yesango, ababingeleli balungiselele idini laso elinyukayo, nemibingelelo yaso yoxolo, siqubude embundwini wesango; siphume ke; lingàvalwa isango elo kude kuhlwe.
3. Abantu belizwe eli boqubuda ekungeneni kwesango ngesabatha nasekuthwaseni kwenyanga, phambi koYehova.
4. Idini elinyukayo, esosondeza lona isikhulu kuYehova ngomhla wesabatha, loba ziimvana ezintandathu ezigqibeleleyo, nenkunzi yegusha egqibeleleyo.
5. Nomnikelo wokudla woba yiefa* enkunzini leyo yegusha; ezimvaneni ezo umnikelo wokudla ube ngumnikelo wesandla saso, ihin* yeoli kuyo iefa.
6. Ngosuku lokuthwasa kwenyanga, liya kuba yinkunzi entsha egqibeleleyo, ithole lenkomo, neemvana ezintandathu, nenkunzi yegusha, zigqibelele zonke.
7. Solungiselela umnikelo wokudla, iefa kuyo inkunzi entsha yenkomo, ne-efa kuyo inkunzi yegusha, kuzo iimvana ibe yinto esinokufikelela kuyo isandla saso, ibe yihin yeoli kuyo iefa.
8. Ekuzeni kwesikhulu, songena ngendlela yasevarandeni yesango, siphume kwangendlela yayo.
9. Ekuzeni ke kwabantu belizwe eli phambi koYehova ngamaxesha amisiweyo, ongené ngendlela yesango langasentla, esiza kunqula, wophuma ngendlela yesango langasezantsi; ongené ngendlela yesango langasezantsi, wophuma ngendlela yesango langasentla; akayi kubuya ngendlela yesango angene ngalo; bothi gca ukuphuma.
10. Isikhulu songena siphakathi kwabo ekungeneni kwabo; bathi ekuphumeni kwabo, siphume kunye nabo.
11. Umnikelo wokudla ngemithendeleko nangamaxesha amisiweyo woba yiefa kuyo inkunzi entsha yenkomo, ne-efa kuyo inkunzi yegusha, uthi ezimvaneni uligane nesandla saso, ibe yihin yeoli kuyo iefa.
12. Xa sithe isikhulu samenzela uYehova idini elinyukayo ngokuqhutywa yintliziyo, nokuba yimibingelelo yoxolo ngokuqhutywa yintliziyo, malivulwe isango elibheké empumalanga, silungiselele idini laso elinyukayo, nemibingelelo yaso yoxolo, njengoko silungiselelayo ngomhla wesabatha; siphume ke; balivale isango emva kokuphuma kwaso.
13. Boyilungiselela imvana emnyaka mnye, egqibeleleyo, ibe lidini elinyukayo ngemini kuYehova, balilungiselele imisó ngemisó yonke.
14. Bolungiselela umnikelo wokudla kunye nalo imisó ngemisó yonke, ube sisahlulo sesithandathu se-efa, neoli ibe sisahlulo sesithathu sehin yokunyakamisa umgubo ocoliweyo; ube ngumnikelo wokudla kuYehova; leyo yoba yimimiselo engunaphakade emiyo.
15. Bolungiselela imvana, nomnikelo wokudla, neoli, imiso ngemiso yonke, ibe lidini elinyukayo elimiyo.