3. Kuyo loo ndawo ilinganisiweyo, wòlinganisa ubude obungamashumi omabini anamahlanu amawaka, nobubanzi obulishumi lamawaka; ibe khona ingcwele le, ingcwele kangcwele.
4. Yona yoba yinto engcwele kulo ilizwe elo; ilungè nababingeleli, abalungiseleli bengcwele, abasondela ukuba balungiselele kuYehova; ibe yindawo yezindlu zabo, indawo engcwele ilunge nengcwele.
5. Amashumi amabini anamahlanu amawaka obude, neli shumi lamawaka obubanzi, alunge nabaLevi, abalungiseleli bendlu; oba yinzuzo yabo eyimizi yokuba bahlale.
6. Okomzi koba ngamawaka amahlanu obubanzi, anamashumi amabini anamahlanu amawaka obude, elungelelene nomrhumo ongcwele; ibe ngawendlu yonke kaSirayeli.
7. Isikhulu nosinika ngapha nangapha komrhumo ongcwele, nakokomzi phambi komrhumo ongcwele, naphambi kokomzi ngecala lasentshonalanga, nise entshonalanga, nangecala lasempumalanga, nise empumalanga; ubude bulungelelane nesinye isahlulo sezizwe, buthabathele emdeni wasentshonalanga, buse emdeni wasempumalanga.
8. Loba lilizwe laso, libe yinzuzo kuso kwaSirayeli; izikhulu zam zingabuyi zibe sabaxinzelela phantsi abantu bam; ke ilizwe zilinike indlu kaSirayeli ngokwezizwe zayo.
9. Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yan elani, nina zikhulu zakwaSirayeli; yekani ukugonyamela nokubhuqa, nenzè okusesikweni nobulungisa; yekani ukubagxotha abantu bam emafeni abo; itsho iNkosi uYehova.
10. Yibani nesikali* sobulungisa, ne-efa* yobulungisa, nebhate* yobulungisa.
11. Iefa nebhate yoba mlinganiso mnye, ibhate ikhongozele isahlulo seshumi sehomere,* ne-efa isahlulo seshumi sehomere, sibe ngokwehomere isilinganiselo sayo.
12. Ishekele* yoba ngamashumi amabini eegera;* amashumi amabini eeshekele, amashumi amabini anesihlanu eeshekele, ishumi elinesihlanu leeshekele, ibe yimina* kum.
13. Nguwo lo umrhumo eniya kurhuma ngawo; isahlulo sesithandathu se-efa ehomereni yengqolowa, nirhume isahlulo sesithandathu se-efa ehomereni yerhasi; nomlinganiso omisiweyo weoli,
14. webhate yeoli, nirhume isahlulo seshumi sebhate ekoreni,* ezibhateni ezilishumi ehomereni ke; kuba iibhate ezilishumi ziyihomere.
15. Norhuma ixhwane libe linye empahleni emfutshane engamakhulu amabini, yasemakriweni anamanzi akwaSirayeli, ibe yeyomnikelo wokudla, neyedini elinyukayo, neyemibingelelo yoxolo, ukuba bacanyagushelwe; itsho iNkosi uYehova.
16. Bonke abantu belizwe eli bosirhumela lo mrhumo isikhulu sakwaSirayeli.
17. Orholwa sisikhulu amadini anyukayo, nomnikelo wokudla, nothululwayo, emithendelekweni nasekuthwaseni kwenyanga, nasezisabatheni, nasemaxesheni amisiweyo endlu kaSirayeli. Lolungiselelwa siso idini lesono, nomnikelo wokudla, nedini elinyukayo, nemibingelelo yoxolo, ukuze icanyagushelwe indlu kaSirayeli.
18. Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenyanga yokuqala, ngolokuqala enyangeni leyo, wòthabatha inkunzi entsha, ithole lenkomo eligqibeleleyo, uyihlambulule ingcwele ngedini lesono.