12. Ishekele* yoba ngamashumi amabini eegera;* amashumi amabini eeshekele, amashumi amabini anesihlanu eeshekele, ishumi elinesihlanu leeshekele, ibe yimina* kum.
13. Nguwo lo umrhumo eniya kurhuma ngawo; isahlulo sesithandathu se-efa ehomereni yengqolowa, nirhume isahlulo sesithandathu se-efa ehomereni yerhasi; nomlinganiso omisiweyo weoli,
14. webhate yeoli, nirhume isahlulo seshumi sebhate ekoreni,* ezibhateni ezilishumi ehomereni ke; kuba iibhate ezilishumi ziyihomere.
15. Norhuma ixhwane libe linye empahleni emfutshane engamakhulu amabini, yasemakriweni anamanzi akwaSirayeli, ibe yeyomnikelo wokudla, neyedini elinyukayo, neyemibingelelo yoxolo, ukuba bacanyagushelwe; itsho iNkosi uYehova.
16. Bonke abantu belizwe eli bosirhumela lo mrhumo isikhulu sakwaSirayeli.
17. Orholwa sisikhulu amadini anyukayo, nomnikelo wokudla, nothululwayo, emithendelekweni nasekuthwaseni kwenyanga, nasezisabatheni, nasemaxesheni amisiweyo endlu kaSirayeli. Lolungiselelwa siso idini lesono, nomnikelo wokudla, nedini elinyukayo, nemibingelelo yoxolo, ukuze icanyagushelwe indlu kaSirayeli.
18. Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenyanga yokuqala, ngolokuqala enyangeni leyo, wòthabatha inkunzi entsha, ithole lenkomo eligqibeleleyo, uyihlambulule ingcwele ngedini lesono.
19. Umbingeleli wothabatha egazini ledini lesono elo, aliqabe emigubasini yendlu le, nasezimbombeni zoné zamacala esibingelelo, nasemigubasini yesango lentendelezo ephakathi.
20. Ùya kwenjenjalo nangolwesixhenxe enyangeni leyo, ngenxa yomntu olahlekayo, nangenxa yosisiyatha, niyicamagushele indlu le.
21. Ngeyokuqala inyanga, ngosuku lweshumi elinesiné enyangeni leyo, noba nepasika, umthendeleko weentsuku ezisixhenxe; kodliwa izonka ezingenagwele.
22. Ngaloo mini isikhulu, ngenxa yaso nangenxa yabantu bonke belizwe eli, sólungiselela inkunzi entsha yenkomo, ibe lidini lesono.
23. Iintsuku ezisixhenxe zomthendeleko somenzela uYehova idini elinyukayo; iinkunzi ezintsha zeenkomo zibe zisixhenxe, neenkunzi zeegusha ezigqibeleleyo zibe zisixhenxe ngemini, ngeentsuku zosixhenxe; nenkunzi yebhokhwe exhonti ibe lidini lesono ngemini.
24. Solungiselela umnikelo wokudla, iefa enkunzini entsha, iefa enkunzini yegusha, ihin* yeoli kuyo iefa.
25. Ngenyanga yesixhenxe, ngosuku lweshumi elinesihlanu enyangeni leyo, emthendelekweni, síya kwenjenjalo ngeentsuku ezisixhenxe ngokusingisele kwidini lesono, nakwidini elinyukayo, nakumnikelo wokudla, nakwioli.