Uhezekile 42:1-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Waphuma nam, waya entendelezweni engaphandle ngendlela esinga ngentla, wandísa emagumbini amalunga nendawo le iqhiwukileyo, amalunga nesakhiwo eso, akhangele entla.

2. Phambi kwecala elibude buziikubhite ezilikhulu, elimnyango ungasentla, ububanzi baba ziikubhite ezimashumi mahlanu.

3. Malunga neekubhite ezimashumi mabini zentendelezo engaphakathi, malunga nombekelelo wamatye osentendelezweni engaphandle, yaba yigalari* isinge egalarini eludidini lwesithathu.

4. Phambi kwamagumbi kwakukho indawo yokuhamba, ububanzi bayo buziikubhite ezilishumi; kukho indlela eziikubhite zilikhulu, ebheka phakathi; iminyango yazo ke ibheka ngentla.

5. Ke amagumbi aphezulu ebemafuphi kunawaphantsi, kunaphakathi esakhiweni; ngokuba iigalari zawadlela.

6. Ngokuba ebendidi ntathu wona, engenazintsika, njengokuba iintendelezo zineentsika; ngenxa yoko kwarhoxiswa kwalá angaphantsi kwanalá aphakathi esikhundleni sawo.

7. Ke udonga olwalungaphandle, lulungelelene namagumbi, lwasinga entendelezweni engaphandle phambi kwamagumbi la; ubude balo babuziikubhite ezimashumi mahlanu.

8. Ngokuba ubude bamagumbi entendelezo engaphandle baba ziikubhite ezimashumi mahlanu; kodwa ke phambi kwetempile baba ziikubhite ezilikhulu.

9. Ngaphantsi kwala magumbi, ukungena bekuvelwa ngasempumalanga ekuyiweni kuwo, kuvelwa entendelezweni engaphandle.

10. Ebubanzini bodonga lwentendelezo, kusingise empumalanga, phambi kwendawo eqhiwukileyo naphambi kwesakhiwo, bekukho amagumbi.

11. Ayenendlela phambi kwawo, ebonakala enjengamagumbi asingise entla; ngobude bawo, aba njalo nangobubanzi bawo, aba njalo nangokuphuma kwawo konke, aba njalo nangamasiko awo.

12. Njengoko injalo iminyango yawo lawo, injalo neminyango yamagumbi abe ekhangele ngezantsi; kwakukho umnyango emantloko endlela, endlela emalunga nodonga olulungelelene namagumbi la, endlela evela ngasempumalanga ekuyiweni kuwo.

Uhezekile 42