Uhezekile 4:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Wena ke, nyana womntu, thabatha isitena, usibeke phambi kwakho, ukrole umzi kuso, iYerusalem;

2. uwungqinge, uwakhele iinqaba zokubonisela, uwufumbele udonga lokungqinga; uwenzele iminquba, umisele izinto zokutyhomfa iindonga ngeenxa zonke.

3. Wena ke, thabatha ipani yesinyithi, uyimise ibe ludonga lwesinyithi phakathi kwakho nomzi lowo; ububhekise ubuso bakho kuwo, ube selungqingweni wona, uwungqinge wena. Ngumqondiso lo kwindlu kaSirayeli.

4. Wena ke, lala ngecala lakho lasekhohlo, ububeke ubugwenxa bendlu kaSirayeli phezu kwalo: ngangenani leentsuku oya kulala ngalo, ùya kubuthwala ubugwenxa babo.

5. Kuba iminyaka yobugwenxa babo ndiyenza ukuba kuwe ibe ngangenani leentsuku, iintsuku ezimakhulu mathathu anamanci asithoba; ùya kubuthwala ubugwenxa bendlu kaSirayeli.

6. Ùya kuthi, wakuba uzifezile ezo, ulale okwesibini ngecala lakho lasekunene, ubuthwale ubugwenxa bendlu kaYuda iintsuku ezimashumi mané; ndikwenzela usuku lube ngumnyaka, usuku lube ngumnyaka.

7. Ùze ke ububhekise ubuso bakho elungqingweni lweYerusalem, ingalo yakho íhlutyiwe, uprofetele kayo.

8. Yabona, ndikufaka izintya, ukuze ungaguqukeli kwelinye icala, ude uzigqibe iintsuku zokungqinga kwakho.

Uhezekile 4