4. Wathi kum, Profeta phezu kwala mathambo, uthi kuwo, Mathambondini, liveni ilizwi likaYehova.
5. Itsho iNkosi uYehova kula mathambo, ukuthi, Niyabona, ndingenisa umoya kuni; niya kuphila ke.
6. Ndiya kunifaka imisipha, ndimilise kuni inyama, ndinaleke ngolùsu, ndifake umoya ngaphakathi kwenu, niphile; názi ukuba ndinguYehova.
7. Ndaprofeta ngoko bendiwiselwe umthetho ngako; kwabakho isandi ndàkuprofeta; nanko kurhashaza, asondelelana amathambo, ithambo lasondela kwithambo lalo.
8. Ndakhangela, nanko kukho imisipha kuwo, yamila inyama, kwaleka ulùsu luthabathela phezulu; umoya ke awabakho.
9. Wathi kum, Profeta kuwo umoya, profeta, nyana womntu, uthi kuwo umoya, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Vela, moya kwimimoya yominé, uphefumlele kwaba babuleweyo, baphile.