8. Ndiya kuzizalisa iintaba zakhe ngababuleweyo bakhe; ezindulini zakho, nasemifuleni yakho, nasezihlanjeni zakho zonke, ababuleweyo ngekrele bawe kuzo.
9. Ndiya kukwenza kube senkangala kuwe ngonaphakade, imizi yakho ingemiwa mntu; názi ukuba ndinguYehova.
10. Ngenxa enokuba usithi, Iintlanga ezi zombini namazwe la omabini ngawam, sowahlutha; ukanti uYehova ukhona;
11. ngako oko ndihleli nje, itsho iNkosi uYehova, ndiya kwenza kuwe ngokomsindo wakho, nangokobukhwele bakho, obenzileyo kubo ngentiyo yakho; ndizazise kubo, xenikweni ndithe ndakugweba.