1. Ke kaloku kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
2. Nyana womntu, bhekisa ubuso bakho entabeni yakwaSehire,
3. uprofete ngayo, uthi kuyo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, ndikuchasile, ntaba yakwaSehire. Ndosolulela isandla sam phezu kwakho, ndikwenze kube senkangala yakwankangala.
4. Imizi yakho ndiya kuyenza amanxuwa, ube senkangala; wazi ukuba ndinguYehova.
5. Ngenxa enokuba waba nobutshaba obungunaphakade, wabanikela esandleni sekrele oonyana bakaSirayeli ngexesha lokusindeka kwabo, ngexesha lobugwenxa bokuphela:
6. ngako oko, ndihleli nje, itsho iNkosi uYehova, ndiya kukwenza igazi; lókusukela ke igazi; ngokokuba ungalithiyanga igazi, lókusukela igazi.
7. Ndoyenza kube senkangala yakwankangala intaba yakwaSehire, ndinqumle kuyo odlulayo nobuyayo.