1. Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
2. Nyana womntu, profeta ngabalusi bakwaSirayeli; profeta, uthi kubo, ngabalusi abo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yeha ke abalusi bakwaSirayeli, abaye bezalúsa ngokwabo! Abalusi babengafanele ukwalúsa umhlambi wabo, yini na?
3. Amanqatha niyawadla, uboya nizambathise ngabo; ezityetyisiweyo izimvu niyazixhela, umhlambi aniwalusi.
4. Ezityhafileyo anizomelezi, ezifayo aniziphilisi, ezaphukileyo anizibophi, eziziintsali anizibuyisi, ezidakileyo anizifuni; nizinyathela ngamandla kalukhuni.
5. Zaba lusali ngokungabi namalusi; zaba kukudla kwamarhamncwa onke asendle, zaba lusali.
6. Umhlambi wam wadungudela ezintabeni zonke, nasezindulini zonke ezinde, waba lusali umhlambi wam ebusweni bonke belizwe. Akubangakho namnye uwukhathalelayo, akwabakho namnye uwufunayo.
7. Ngako oko, balusindini, liveni ilizwi likaYehova, lisithi,
8. Ndihleli nje, itsho iNkosi uYehova, inyaniso, ngenxa enokuba umhlambi wam ulixhoba, umhlambi wam udliwa ngamarhamncwa onke asendle, ngokungabi namalusi; abalusi bam bengawukhathaleli umhlambi wam, abalusi bezalúsa ngokwabo, bengawalusi umhlambi wam:
9. ngako oko, balusindini, liveni ilizwi likaYehova, lisithi,
10. Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabonani, ndibachasile abalusi. Ndiya kuwubiza umhlambi wam ezandleni zabo, ndibanqumamise ekwaluseni umhlambi wam, bangabi sazalúsa ngokwabo abalusi; ndiwuhlangùle umhlambi wam emlonyeni wabo, ungabi saba kukudla kubo.
11. Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabonani, mna ngokwam ndiya kuwukhathalela umhlambi wam, ndiwuvelele.