Uhezekile 33:1-4 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

2. Nyana womntu, thetha koonyana babantu bakowenu, uthi kubo, Xa ndithe ilizwe ndalizisela ikrele, abantu belizwe elo bathabatha indoda yaseziphelweni zabo, bayimisa ukuba ibe ngumboniseli wabo;

3. yábona ikrele lilifikela ilizwe elo, yavuthela isigodlo, yabavusa abantu;

4. ke umntu othe waliva izwi lesigodlo, àkavuswa, lafika ikrele elo, lamthabatha: loba sentlokweni yakhe igazi lakhe.

Uhezekile 33